Umgaqo Wamalungelo Kunye Noxanduva (Bill of Rights and Responsibilities, BRR) Kuphando Lwe-HIV

Olu xwebhu lubonelela ngoluhlu olufutshane lwamalungelo kunye noxanduva onalo ngelixa uthatha inxaxheba kulingo lwezonyango lwe-HIV Vaccine Trials Network (HVTN). Injongo yalo Mgaqo wamaLungelo noXanduva kukunceda abathathi-nxaxheba kuphando ukuze babe nokuzimela ngokunokwabo nangokusebenzisana nabasebenzi bophononongo. Jonga ifomu yemvume yochazelweyo ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe.

The Participants' Bill of Rights and Responbilities are available in the following languages:

AmaLungelo aBathathi-nxaxheba

Njengomthathi-nxaxheba kuphononongo lophando olumayelana ne-HIV/AIDS lwe-HVTN unelungelo loku:

  • Ukuchazelwa ngalo lonke ulwazi, kuquka nemingcipheko esenokubakho kunye nenzuzo yokuthatha inxaxheba kuphononongo, ngendlela onokuyilandela. Uya kuxelelwa malunga nalo naluphi na ulwazi olufundiweyo ngeli xesha lokuqhutywa kophononongo. 
  • Ukuphendulwa kwayo yonke imibuzo. 
  • Ukwala ukungenela uphononongo okanye ukwenza isigqibo sokuyeka kuphononongo nanini na. Unakho kananjalo nokwala ukungenela uphononongo lokulandelela oxelelwa ngalo. Awusayi kulahlekelwa ngawo nawaphi amalungelo ekubhekiswa kuwo kolu xwebhu ukuba uyala ukungenela uphononongo okanye uyayeka kuphononongo.
  • Impatho yophononongo engenacalucalulo. Izinto ozikhethayo ebomini bakho, iinqobo, iinkolelo kunye nemixholo yamasiko akho ziya kuhlonitshwa ngaba bantu baqhuba uphononongo.
  • Ukugqithiselwa kwiinkonzo zeengcebiso, zenkxaso, zezonyango kunye nezonyango ngezigulo obanazo ebudeni bophononongo, kuquka ne-HIV.
  • Uncedo ekusombululeni iingxaki zezentlalo kunye/okanye nocalucalulo, ezimayelana nophononongo. Ngemvume yakho, sinokuthetha nabo bantu usicelayo ukuba siqhagamshelane nabo ukuze sibachazele nangakumbi malunga nokuthatha kwakho inxaxheba kolu phononongo.
  • Unyango lokonzakala emzimbeni, ukuba kuye kwenzeka, nokwako nakuphi na ukonzakala okunokufane kwenzeke ngokunxulumene kakhulu neemveliso okanye neenkqubo zophononongo kunabanye oonobangela, kangangoko kuchaziwe kwifomu yemvume yophononongo. Kukho imali ekhoyo yokuhlawulela unyango loko konzakala. Iqela elihlola imiba yokhuseleko yophononongo yenza isigwebo ngokunxulumana kokonzakala nophononongo. Ungagqithisela isigqibo sabo ukuze sihlolwe ukuba awuvumelani naso. Kwezinye iimeko, imali isenokungoneli ukuhlawulela lonke unyango. La maqela abandakanyekayo kuphononongo aya kufuna imali eyongezelelekileyo ukuba oku kuyimfuneko, kodwa ke akanasiqinisekiso soku. Abasebenzi bakho bophononongo baya kukubonelela ngenkcazelo eyongezelelekileyo ngalo mba kwaye baya kuphendula nayiphi imibuzo onayo okanye bakudibanise nomntu ongoyena unegunya lokuphendula imibuzo yakho.
  • Uvavanyo lolosuleleko lwe-HIV olusimahla noluchanekileyo ngeli xesha lophononongo. Ukuba ekupheleni kophononongo uvavanyo lwe-HIV luthi unale ntsholongwane ngenxa yemveliso yophononongo, ube ungenalo ulosuleleko lwe-HIV, ungafumana uvavanyo lokulandelelisa kwikliniki yophononongo okanye ngeenkonzo zovavanyo ze-HVTN de uvavanyo luthi awunayo le ntsholongwane.
  • Uncedo ekuhlangabezeni izibophelelo zophononongo. Uluhlu lwezinto ezifumanekayo kuwe luya kubonelelwa yisayithi yakho yophononongo. 
  • Ubumfihlo. Uthungelwano kunye neerekhodi malunga nawe nokuthatha kwakho inxaxheba kuphononongo ziya kunikezelwa kuphela njengoko kuyimfuneko ukuqhuba uphononongo, okanye njengoko kufuneka ngokomthetho. Jonga ifomu yemvume yochazelweyo yesayithi yakho ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe.
  • Ukubonelelwa ngekhadi lesazisi sophononongo elibonisa ukuba ukolu phononongo. Eli khadi linganyanzelekanga liya kuquka inombolo yefowuni kunye/okanye nedilesi yomntu onokubonelela ngenkcazelo ethe vetshe.
  • Ukulondoloza amalungelo akho ngokwasemthethweni. Njengomthathi-nxaxheba kulingo, awuphisi ngamalungelo akho.
  • Ukuxelelwa ukuba ingaba ufumana usinga-yeza okanye imveliso yophononongo esebenzayo ekupheleni kophononongo, okanye xa oku kuyimfuneko ngokwezonyango.
  • Ukwaziswa malunga nenkqubela yophononongo, uxelelwe xa iziphumo zophononongo zisenokufumaneka, baze abasebenzi bophononongo balichazele kwaye bacacise iziphumo zophononongo.
  • Ukwazi ukuba kukho iindleko ezayanyaniswa nokuthatha inxaxheba nokuba ingaba uza kubuyekezwa na ngokuthatha kwakho inxaxheba.

Uxanduva loMthathi-nxaxheba

Njengomthathi-nxaxheba kuphononongo lophando olumayelana ne-HIV/AIDS lwe-HVTN, unoxanduva loku:

  • Ukuhlola nokubonisa ukuziqonda zonke izinto ezisetyenziswayo ozinikwayo, kuquka namaxwebhu emvume yochazelweyo. Cela ukucaciselwa ngayo nayiphi na inkcazelo ongayiqondiyo ngaphambi kokuba uvume ukuthatha inxaxheba kuphononongo. Unakho nokubuza imibuzo nanini na ebudeni bophononongo.
  • Ukwenza isigqibo sonolwazi malunga nokuba ingaba uyayithatha inxaxheba kusini na kolu phononongo emva kokuba uthelekise imingcipheko neenzuzo. Kubaluleke kakhulu ukwazi ukuba uphononongo lungantoni na. Abasebenzi baya kukunceda ngoku. Ukuba oku kungakunceda ekwenzeni isigqibo, thetha nabantu obahloniphileyo malunga nokuba ingaba ukungenela uphononongo kukulungele na wena.
  • Ukuxelela abasebenzi bophononongo kwakamsinyane kangangoko ukuba ufumana ucalucalulo kunye/okanye ukonzakaliswa ngokwezentlalo ocinga ukuba kumayelana nokuthatha kwakho inxaxheba kulingo.
  • Ukunganikezeli ngegazi okanye uphise ngamalungu omzimba okanye ngolunye ulwelo lomzimba ngeli xesha ukuphononongo.
  • Ukwenza uvavanyo lwakho lwe-HIV kuphela kwisayithi yophononongo kangangoko uphononongo lusaqhubeka. Thetha nabasebenzi bophononongo ukuba kufuneka wenze uvavanyo kwenye indawo.
  • Ukuba unakho ukukhulelwa, phepha ukukhulelwa ngeli xesha lophononongo ngokusebenzisa iindlela zokucwangcisa ezisebenza kakuhle. Abasebenzi baza kuhlola kunye nawe iindlela zokucwangcisa ezisebenza kakuhle.
  • Ukugcina amadinga akho ophononongo. Xelela abasebenzi bophononongo kwakamsinyane kangangoko unakho ukuba udinga ukuphinda umisele elinye idinga.
  • Ukuphatha abasebenzi bophononongo ngembeko.
  • Ukugcina ukuthatha inxaxheba kwabanye kolu phononongo kuyimfihlelo.
  • Ukunika abasebenzi bophononongo iingcombolo ezimayelana nophononongo ezipheleleyo nezichanekileyo. Xelela abasebenzi bophononongo malunga nazo naziphi na iinguqu kwiingcombolo zakho zoqhagamshelwano okanye ezempilo.
  • Ukulandela imiyalelo yabasebenzi bophononongo kangangoko unakho. Sebenzisana nabasebenzi bophononongo ukuze nilondoloze impilo yakho kunye nokhuseleko ngeli xesha lolingo.
  • Ukuxelela abasebenzi bophononongo kwakamsinyane kangangoko ukuba awukwazi ukuqhubeka okanye ugqiba ekubeni uyeke ukuthatha kwakho inxaxheba kuphononongo.

Uxanduva lwaBasebenzi boPhononongo

Abasebenzi bophononongo lwe-HVTN, kuquka noMphandi oyiNtloko kule kliniki yophononongo, banoxanduva loku:

  • Ukubonana noluntu lwasekuhleni ngemiba emayelana nophando nokuqinisekisa ukumelwa ngobulungisa kwabathathi-nxaxheba kolu lingo lwezonyango.
  • Ukuphendula nokufumana imiyalelo evela kwiqumrhu lolawulo lophando, olufana neBhodi yoHlolo yeZiko (Institutional Review Board - IRB) okanye ikomiti yohlolo lomgaqo wokuziphatha kuphando eyeleleneyo.
  • Ukufumana imvume yochazelweyo evela kubathathi-nxaxheba ngazo zonke izenzo nongenelelo olumayelana nophando. Ukuba kukho iinguqu zophononongo ezicacileyo, kuya kuphinda kufunyanwe imvume kubathathi-nxaxheba abakhoyo.
  • Ukuqhuba uphononongo ngendlela enyanisekileyo, kuquka ukukhusela amalungelo, ubumfihlo kunye nempilo-ntle yabathathi-nxaxheba kuphononongo lophando. Ekupheleni kophononongo, abasebenzi bophononongo banoxanduva lokuchazela abathathi-nxaxheba ukuba yeyiphi imveliso ebebeyifumana kwakunye nokuchazela abathathi-nxaxheba noluntu ngeziphumo zophononongo lophando. 
  • Ukugqithisela abantu ngokufanelekileyo kwiingcali zeengcebiso, kwiinkonzo zothintelo lwe-HIV, kwiinkonzo zonyango lwe-HIV, kunye/okanye kwiinkonzo zokumelana nezentlalo ngeli xesha lophononongo. 
  • Ukuphendula yonke imibuzo kunye nezinto ezixhalabisayo zabathathi-nxaxheba kuphononongo ngexesha elifanelekileyo.
  • Ukuphatha abathathi-nxaxheba bophononongo ngembeko.